Lectionary Calendar
Sunday, June 2nd, 2024
the Week of Proper 4 / Ordinary 9
Attention!
For 10¢ a day you can enjoy StudyLight.org ads
free while helping to build churches and support pastors in Uganda.
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

1 YeziKronike 3

1 Ngabo aba oonyana bakaDavide, awabazalelwayo eHebron: owamazibulo ibinguAmnon ka-Ahinowam waseYizereli; owesibini nguDaniyeli ka-Abhigali waseKarmele;2 owesithathu nguAbhisalom unyana kaMahaka, intombi kaTalemayi, ukumkani waseGeshuri; owesine nguAdoniya unyana kaHagiti;3 owesihlanu nguShefatiya ngoAbhitali; owesithandathu nguItram ngoEgela umkakhe.4 Abo bathandathu wabazalelwa eHebron; waba ngukumkani khona iminyaka esixhenxe neenyanga ezintandathu. Waba neminyaka emashumi mathathu anamithathu engukumkani eYerusalem.5 Ngabo aba awabazalelwayo eYerusalem: nguShimeha, noShobhabhi, noNatan, noSolomon, bobane, ngoBhateshuwa intombika-Amiyeli;6 nguIbhehare, noElishama, noElifelete,7 noNoga, noNefege, noYafiya,8 noElishama, noEliyada, noElifelete; basithoba.9 Bebonke oonyana bakaDavide ngabo abo, bengabalwa oonyana bamashweshwe; nodade wabo ibinguTamare.

10 Unyana kaSolomon ibinguRehabheham; nguAbhiya unyana wakhe; nguAsa unyana wakhe; nguYoshafate unyana wakhe;11 nguYoram unyana wakhe; nguAhaziya unyana wakhe; nguYowashe unyana wakhe;12 nguAmatsiya unyana wakhe; nguAzariya unyana wakhe; nguYotam unyana wakhe;13 nguAhazi unyana wakhe; nguHezekiya unyana wakhe; nguManase unyana wakhe;14 nguAmon unyana wakhe; nguYosiya unyana wakhe.15 Oonyana bakaYosiya nguYohanan, amazibulo akhe, nguYoyakim owesibini, nguZedekiya owesithathu, nguShalum owesine.16 Oonyana bakaYoyakim nguYekoniya unyana wakhe; nguZedekiya unyana wakhe.17 Oonyana bakaYekoniya nguAsire, nguShelatiyeli unyana wakhe,18 noMalekiram, noPedaya, noShenatsare, noYekamiya, noHoshama, noNedabhiya.19 Oonyana bakaPedaya ngooZerubhabheli noShimehi. Oonyana bakaZerubhabheli ngooMeshulam, noHananiya, benoShelomiti udade wabo;20 noHashubha, no-Oheli, noBherekiya, noHasadiya, noYushabhi-hesede; bahlanu.21 Oonyana bakaHananiya ngooPelatiya noYesaya; oonyana bakaRefaya; oonyana baka-Arnan; oonyana bakaObhadiya; oonyana bakaShekaniya.22 Oonyana bakaShekaniya nguShemaya; oonyana bakaShemaya ngooHatushe, noIgali, noBhariya, noNeyariya, noShafati; bathandathu.23 Oonyana bakaNeyariya ngooEliyohenayi, noHezekiya, noAzerikam; bathuthu.24 Oonyana bakaEliyohenayi ngooHodaya, noEliyashibhi, noPelaya, noAkubhi, noYohanan, noDelaya, noAnani; basixhenxe.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile