Lectionary Calendar
Wednesday, June 12th, 2024
the Week of Proper 5 / Ordinary 10
Attention!
Tired of seeing ads while studying? Now you can enjoy an "Ads Free" version of the site for as little as 10¢ a day and support a great cause!
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

1 KwabaseKorinte 13

1 Ndingafanelana ndithetha ngeelwimi zabantu nezezithunywa zezulu; uthando ke ndingenalo, ndisuke ndaba yixina ehlokomayo, necangci elikhenkcezayo.2 Ndingafanelana ndinabo nobuprofeto, ndizazi iimfihlelo zonke, ndinako konke ukwazi; ndingafanelana ndinalo lonke ukholo, ngokokude ndisuse iintaba, uthando ke ndingenalo, andinto yanto.3 Ndingafanelana ndisamkelisa amahlwempu ngempahla yam yonke, nokuba ndithe umzimba wam ndawunikela ukuba utshiswe, uthando ke ndingenalo, akundincedi lutho.

4 Uthando luzeka kade umsindo, lunobubele; uthando alunamona; uthando alugwagwisi; alukhukhumali;5 alwenzi okuziintloni; alufuni okukokwalo kodwa; alucaphuki; alunanzondo;6 aluvuyeli kungalungisi; luvuyisana nenyaniso.7 Luthwala iinto zonke; lukholwa ziinto zonke; luthemba iinto zonke; lunyamezela iinto zonke.

8 Uthando aluze lutshitshe; nokuba ke ziziprofeto, ziya kubhangiswa; nokuba ziilwimi, ziya kupheza; nokuba kukwazi, kuya kuphuthiswa.9 Kuba siyazi ngokuyinxenye, siprofeta ngokuyinxenye.10 Xa kuthe ke kwafika okuzalisekileyo, kuya kwandula ukuphuthiswa okuyinxenye.11 Oko bendingumntwana, bendithetha ngokomntwana, bendiqonda ngokomntwana, bendicamanga ngokomntwana; ndithe ke, ndakuba yindoda, ndazibhangisa izinto zobuntwana.12 Kuba ngoku sikhangela esipilini ngokwamanakanibe; oko ke, siya kukhangelana ebusweni. Ngoku ndazi ngokuyinxenye; oko ke ndiya kwazi kakuhle, njengoko ndaziwayo nokwaziwa nam.13 Kungoku ke kuhleli ukholo, ithemba, uthando, ezo zinto zontathu; eyona inkulu ke kuzo apho luthando.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile