Lectionary Calendar
Thursday, June 13th, 2024
the Week of Proper 5 / Ordinary 10
Attention!
For 10¢ a day you can enjoy StudyLight.org ads
free while helping to build churches and support pastors in Uganda.
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 122

1 Ingoma yezinyuko. KaDavide. Ndavuya bakuthi kum, Masiye endlwini kaYehova.2 Iinyawo zethu zifike zema Emasangweni akho, Yerusalem;3 Yerusalem, wena wakhiweyo Ngokomzi ohlangeneyo wamnye;4 Apho zinyuka ziye khona izizwe, Izizwe zikaYehova; Ibubungqina ke loo nto kwaSirayeli, Ukuba kubulelwe kwigama likaYehova.5 Kuba khona apho kumiswe iitrone zokugweba, Iitrone zendlu kaDavide.

6 Celelani iYerusalem uxolo; Mababe nokuchulumacha abakuthandayo,7 Malube luxolo eludongeni lwakho olurhaqileyo, Nokuchulumacha ezingxandeni zakho ezinde.8 Ngenxa yabazalwana bam nowethu, Makhe ndithethe uxolo ngawe.9 Ngenxa yendlu kaYehova, uThixo wethu, Ndiya kufuna okukulungeleyo.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile