Lectionary Calendar
Wednesday, June 12th, 2024
the Week of Proper 5 / Ordinary 10
Attention!
Partner with StudyLight.org as God uses us to make a difference for those displaced by Russia's war on Ukraine.
Click to donate today!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 147

1 Haleluya! Ngokuba kulungile ukuvuma ngoThixo wethu; Ngokuba kumnandi, ifanelekile indumiso.2 Umakhi weYerusalem nguYehova; Abagxothwa bakwaSirayeli ubabuthela khona.3 Ulophilisa abaphuke intliziyo, Abophe amanxeba abo;4 Ulobala inani leenkwenkwezi, Ezibiza zonke ngamagama.5 Inkulu iNkosi yethu, inamandla amakhulu; Ingqondo yayo ayiphele ndawo.6 Ulophakamisa abalulamileyo nguYehova, Uthobela abangendawo emhlabeni.7 Hlabelani kuYehova eyokubulela, Mbetheleni uhadi uThixo wethu.8 Ulosibekelisa izulu ngamafu, Ulolungisela umhlaba imvula; Ulontshulisa utyani ezintabeni;9 Ulonika inkomo ukudla, Namathole ehlungulu alilayo.10 Akabunanze nganto ubugorha behashe, Akakholiswa zizitho zendoda;11 UYehova ukholiswa ngabamoyikayo, Abalinde inceba yakhe.

12 Mncome uYehova, Yerusalem. Mdumise uThixo wakho, Ziyon:13 Ngokuba eyomelezile imivalo yamasango akho, Ebasikelele abantwana bakho phakathi kwakho.14 Ngulomisa uxolo emideni yakho, Wakuhluthisa ngengqolowa etyebileyo.15 Ulothumela intetho yakhe ehlabathini, Ilizwi lakhe ligidima ngokukhawuleza;16 Ulonika ikhephu njengoboya bezimvu, Ugcwayela iqabaka njengothuthu,17 Ephosa umkhenkce wakhe njengamaqhekeza; Ngubani na onokuma phambi kwengqele yakhe?18 Uthumela ilizwi lakhe, ezo nto azinyibilikise; Uvuthuzisa umoya wakhe, aqukuqele amanzi.19 Uloxelela uYakobi ilizwi lakhe, USirayeli imimiselo yakhe namasiko akhe.20 Akenjanga ngalo kolunye uhlanga, Namasiko aluwazi. Haleluya!

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile