Lectionary Calendar
Saturday, May 18th, 2024
Eve of Pentacost
Attention!
For 10¢ a day you can enjoy StudyLight.org ads
free while helping to build churches and support pastors in Uganda.
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

UHoseya 5

1 Kuveni oku, babingeleli, nibaze iindlebe, nina ndlu kaSirayeli; nani ndlu yokumkani, bekani iindlebe; ngokuba uze kuni umgwebo lo; kuba nisuke naba ngumgibe eMizpa, naba ngumnatha otwatyululweyo phezu kweTabhore.2 Bangxokile ukonakalisa ekunxaxheni kwabo; ke ndiyintethiso kubo bonke bephela.3 Mna ndiyamazi uEfrayim, noSirayeli akagushiwe kum; ngokuba uhenyuzile ngoku, wena Efrayim, uSirayeli uzenze inqambi.4 Izenzo zabo azivumi ukuba babuyele kuThixo wabo; kuba umoya wobuhenyu ukubo, abamazi uYehova.5 Iqhayiya likaSirayeli liyangqina ebusweni bakhe; bokhubeka ooSirayeli noEfrayim ngobugwenxa babo; wokhubeka nabo kwanoYuda.6 Baya kuya kumfuna uYehova, benempahla yabo emfutshane neenkomo zabo, bangamfumani; urhoxile kubo.7 Banginiza kuYehova, kuba bezele oonyana abangengabo; ngoku ke ukuthwasa kwenyanga kuyabadla, kunye nezahlulo zabo zomhlaba.

8 Vuthelani izigodlo eGibheha, nexilongo eRama; wuhlabeni eBhetaven, nithi, Emva kwakho, Bhenjamin.9 Kuya kuba senkangala kwelakwaEfrayim ngemini yokohlwaya; ezizweni zakwaSirayeli ndisazisile isimakade sesibetho.10 Abathetheli bakwaYuda basuka baba njengabashenxisi bomda; ngoko ke ndophalaza phezu kwabo ubushushu bam njengamanzi.11 UEfrayim uyacudiswa, uyavikiveka ngumgwebo; kuba usuke wavuma ukulandela umthetho wabo.12 Mna ndinjengenundu kwaEfrayim, ndinjengombungu kwindlu kaYuda.13 Xa wasibonayo uEfrayim isifo sakhe, uYuda walibona inxeba lakhe; uEfrayim wesuka waya eAsiriya, wathumela kukumkani uYarebhi. Akaba nako ukuniphilisa, akaba nako ukuninceda kwinxeba lenu.14 Ngokuba ndinjengengonyama kwaEfrayim, ndinjengengonyama entsha kwindlu kaYuda mna; mna ndiyaqwenga ndimke, ndithimbe, kungabikho mhlanguli.15 Ndiya kuhamba ndibuyele endaweni yam, bade beve benetyala, babufune ubuso bam. Ekubandezelekeni kwabo baya kundifuna benyamekile; bathi:

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile