Lectionary Calendar
Friday, May 2nd, 2025
the Second Week after Easter
Attention!
For 10¢ a day you can enjoy StudyLight.org ads
free while helping to build churches and support pastors in Uganda.
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

UIsaya 4

1 Abafazi abasixhenxe bobambelela ndodeni-nye ngaloo mini, besithi, Sodla esethu isonka, sambathe ezethu iingubo; kodwa masibizwe ngegama lakho, ukususe ukungcikiveka kwethu.

2 Ngaloo mini isithole sikaYehova siya kuba yinto enobukhazikhazi enobuqaqawuli, isiqhamo selizwe sibe yingangamsha nesihombo kwabasindileyo bakwaSirayeli.3 Wothi oshiyekileyo eZiyon, noseleyo eYerusalem, kuthiwe ungcwele, bonke ababhalelwe ebomini eYerusalem;4 yakuba ithe iNkosi yakuhlamba ukungcola kweentombi zaseZiyon, yawahlanza amagazi aseYerusalem phakathi kwayo ngomoya ogwebayo, nangomoya olulophu.5 Wodala ke uYehova phezu kweendawo zonke zeentaba zeZiyon, naphezu kweentlanganiso zayo, ilifu elingumsi emini, nokudangazela komlilo ebusuku. Kuba phezu kobuqaqawuli obo bonke, kuya kubakho isigubungelo;6 sibe ngumnquba ongumthunzi emini, ekubaleleni, sibe yindawo yokuzimela nokusithela esiphangweni nasemvuleni.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile