Lectionary Calendar
Tuesday, June 17th, 2025
the Week of Proper 6 / Ordinary 11
Attention!
Tired of seeing ads while studying? Now you can enjoy an "Ads Free" version of the site for as little as 10¢ a day and support a great cause!
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

UYobhi 17

1 Umoya wam wonakele, imihla yam icinyiwe, Into yam ngamangcwaba.2 Inene ndiyinto abadlala ngayo, Neliso lam lilibele ziinkani zabo.3 Khawubeke into, undimele; Ngubani na yena oya kubambana nam ngesandla?4 Ngokuba intliziyo yabo uyifihlele ukuqiqa; Ngenxa yoko akuyi kubaphakamisa.5 Unikela abahlobo ukuba babe ngamaxhoba, Amehlo abantwana bakhe aze aphelelwe.6 Undimise ndaba ngumzekeliso ezizweni; Ndaba ngotshicelwa ebusweni.7 Laza lanorhatyazo iliso lam kukukhathazeka; Amalungu am aba njengesithunzi onke ephela.8 Bamangaliswa abathe tye yile nto; Omsulwa uyazixhokonxa ngenxa yentshembenxa.9 Ke olilungisa ubambe indlela yakhe, Ozandla zihlambulukileyo uya ekhalipha.

10 Kodwa nina nonke, buyani, khanize; Andiyi kufumana silumko phakathi kwenu.11 Imihla yam idlule, zijaciwe izigqibo zam, Amafa entliziyo yam.12 Bathi ubusuku yimini; Ukukhanya kusondele, xa kuza kuba mnyama.13 Ukuba ndithe ndathemba, ndithembe elabafileyo, indlu yam; Ndandlala umandlalo wam emnyameni;14 Ukuba ndithe kukubola, Ungubawo; Ndathi kwimpethu, Unguma, ungudade wethu:15 Liphi na ke ngoku ithemba lam? Ithemba lam, ngubani na owolibona?16 Liya kuhla liye emivalweni yelabafileyo, Xa siphumla kunye eluthulini.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile