Lectionary Calendar
Thursday, June 13th, 2024
the Week of Proper 5 / Ordinary 10
Attention!
StudyLight.org has pledged to help build churches in Uganda. Help us with that pledge and support pastors in the heart of Africa.
Click here to join the effort!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

UYobhi 27

1 Wahambisa uYobhi, waphakamisa umzekeliso wakhe, wathi,2 Ehleli nje uThixo, olisusileyo ibango lam, USomandla, owenze krakra umphefumlo wam3 (Kuba kusekum ukuphefumla kwam konke, Nomoya kaThixo usemathatheni am),4 Umlomo wam awuthethi bugqwetha, Nolwimi lwam aluxeli nkohliso.5 Makube lee kum ukuthi, niyalungisa; Ndoda ndiphume umphefumlo, ndingayisusi kum ingqibelelo yam.6 Ndobambelela ebulungiseni bam, andiyi kubuyeka; Intliziyo yam ayiyi kungcikiva mini eziminini zam.

7 Malube njengongendawo utshaba lwam, Nosukela phezulu kum abe njengogqwethayo.8 Kuba liyintoni na ithemba lentshembenxa, xa athe wawunqumla, Xa athe wawurhola uThixo umphefumlo wayo?9 Wokuva na uThixo ukululahlamba kwayo, Xa ifikelwe yimbandezelo?10 Khona inokuziyolisa na ngoSomandla? Ingamnqula na uThixo ngamaxesha onke?

11 Ndiya kuniyala ngokusingisele esandleni sikaThixo; OkunoSomandla andiyi kukukhanyela.12 Yabonani, nonke niphela ngokwenu nikubonile; Yini na ke ukuba nithethe into engento yakonto?13 Siso esi isabelo somntu ongendawo kuThixo, Nelifa labaziingqwangangqwili, abalamkelayo kuSomandla.14 Ukuba bathe banda oonyana bakhe, bandiselwa ikrele; Nabaphume embilinini wakhe abahluthi kukutya.15 Amaqongqolo akhe aya kungcwatywa kukufa, Abahlolokazi bakhe bangalili.16 Ukuba uthe wafumba isilivere njengothuli, Wazilungisela izambatho njengodaka:17 Angazilungisa, koko ziya kwambathwa lilungisa, Nesilivere leyo babelane ngayo abamsulwa.18 Uyakha indlu yakhe njengenundu, Njengephempe elenziwe yimboniseli.19 Ulala phantsi esisityebi, akaphindi; Uvula amehlo akhe, angabikho.20 Kumthabatha njengamanzi ukukhwankqa, Simbe ebusuku isaqhwithi.21 Luyamfukula ulophu lwasempumalanga, emke, Lumqweqwedise endaweni yakhe.22 UThixo umgibisela angamcongi; Usibaleka asibaleke isandla sakhe.23 Bamtyhwakrazela izandla, Bamenzele umsondlo, emke endaweni yakhe.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile