Lectionary Calendar
Friday, May 2nd, 2025
the Second Week after Easter
Attention!
StudyLight.org has pledged to help build churches in Uganda. Help us with that pledge and support pastors in the heart of Africa.
Click here to join the effort!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

UYona 2

1 UYona wathandaza kuYehova uThixo wakhe embilinini wentlanzi, wathi, Ndakhala kuYehova ndisembandezelweni, Wandiphendula;2 Ndazibika ndisesiswini selabafileyo, Waliva wena ilizwi lam.3 Ngokuba wawundiphosa enzulwini, embilinini yeelwandle, Umlambo waba ngeenxa zonke kum; Adlula phezu kwam onke amaza akho alwayo, namaza akho agugumayo.4 Ndathi ke mna, Ndigxothiwe phambi kwamehlo akho; Noko ke ndiya kubuya ndibheke etempileni yakho engcwele.5 Andirhawula amanzi, ada eza emphefumlweni; Andijikeleza amanzi enzonzobila; Ingca yolwandle yayithi jize intloko yam.6 Ndehla ndaya ezikhondweni zeentaba; Lona ihlabathi, imivalo yalo yandivalela ngonaphakade; Wasuka wabunyusa emhadini ubomi bam, Yehova Thixo wam.7 Ekutyhafeni komphefumlo wam ngaphakathi kwam, ndakhumbula uYehova: Wafika kuwe umthandazo wam etempileni yakho engcwele.8 Abagcine amampunge angento yanto Bashiya inceba yabo9 Ke mna ndiya kubingelela kuwe ndinezwi lokubulela: Endakubhambathisayo ndiya kukuzalisa. Usindiso lukuYehova.

10 UYehova wathetha nentlanzi, yamhlanzela uYona emhlabeni owomileyo.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile