Lectionary Calendar
Saturday, May 18th, 2024
Eve of Pentacost
Attention!
StudyLight.org has pledged to help build churches in Uganda. Help us with that pledge and support pastors in the heart of Africa.
Click here to join the effort!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

INumeri 30

1 Wathetha uMoses kwiintloko zezizwe zoonyana bakaSirayeli, esithi, Lilo eli ilizwi awise umthetho ngalo uYehova:2 Xa athe umntu wabhambathisa isibhambathiso kuYehova, nokuba ufunge isifungo sokuwubopha umphefumlo wakhe ngokuzikhanyeza, makangalihlambeli ilizwi lakhe; makenze ngokwento yonke ephume emlonyeni wakhe.

3 Xa ithe inkazana yabhambathisa isibhambathiso kuYehova, nokuba ithe yazibopha ngokuzikhanyeza, isendlwini kayise, isebuncinaneni bayo;4 wasiva uyise isibhambathiso sayo nokuzikhanyeza kwayo, ebophe ngako umphefumlo wayo, wathi cwaka uyise kuyo: mazime zonke izibhambathiso zayo; nokuzikhanyeza kwayo konke, ebophe umphefumlo wayo ngako, makume.5 Ukuba uthe uyise wayithiba ngomhla wokuziva kwakhe izibhambathiso zayo zonke, nokuzikhanyeza kwayo, ebophe umphefumlo wayo ngako, akuyi kuma; uYehova woyixolela, ngokuba eyithibile uyise.6 Ke ukuba ithe yenda inesibhambathiso, nokuba inokuphololoza komlomo wayo, ebophe umphefumlo wayongako,7 yeva indoda, yathi cwaka kuyo ngomhla wokuva kwayo, mazime izibhambathiso zayo; nokuzikhanyeza kwayo, ebophe umphefumlo wayo ngako, makume.8 Ukuba indoda yayo ithe yayithiba ngomhla wokuva kwayo, yasaphula isibhambathiso sayo esiphezu kwayo, nokuphololoza komlomo wayo, ebophe umphefumlo wayo ngako: uYehova woyixolela.9 Isibhambathiso somhlolokazi nesowaliweyo, yonke into abophe umphefumlo wakhe ngayo, mayime phezu kwakhe.10 Ukuba umfazi uthe wenza isibhambathiso esendlwini yendoda yakhe, nokuba uthe wabopha umphefumlo wakhe ngokuzikhanyeza ngesifungo,11 yeva indoda yakhe, yathi cwaka kuye, ayamthiba, mazime zonke izibhambathiso zakhe; makume ukuzikhanyeza kwakhe, abophe ngako umphefumlo wakhe.12 Ukuba ithe indoda yakhe yakwaphula mpela ngomhla wokuva kwayo, yonke into ephume emlonyeni wakhe ngezibhambathiso zakhe, nangokuzikhanyeza komphefumlo wakhe, mayingemi; indoda yakhe iyaphule, uYehova womxolela.13 Zonke izibhambathiso, nezifungo zonke zokuzikhanyeza, zokuthoba umphefumlo, indoda yakhe ingazimisa, indoda yakhe ingazaphula.14 Ukuba indoda yakhe ithe cwaka, yathi tu kuye imihla ngemihla, iyazimisa zonke izibhambathiso zakhe, nokuzikhanyeza kwakhe konke okuphezu kwakhe iya kukumisa; ngokuba yathi cwaka kuye ngomhla wokuva kwayo.15 Ukuba ithe yakwaphula mpela emva kokuva kwayo, yobuthwala ubugwenxa bakhe.16 Yiyo leyo imimiselo, uYehova awamwisela umthetho ngayo uMoses, phakathi kwendoda nomkayo, phakathi koyise nentombi yakhe, isebuncinaneni bayo, isendlwini kayise.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile