Lectionary Calendar
Saturday, May 18th, 2024
Eve of Pentacost
Attention!
Tired of seeing ads while studying? Now you can enjoy an "Ads Free" version of the site for as little as 10¢ a day and support a great cause!
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 10

1 Yini na ukuba umele mgama, Yehova, Uzifihle ngamaxesha engxingongo?2 Ngokukratsha kwabangendawo bayatsha abaziintsizana; Babanjiswa ngamayelenqe abawacingileyo.3 Ngokuba ongendawo uyaqhayisa ngeminqweno yomphefumlo wakhe. Nolibawa wahlukene noYehova, wamgiba.4 Ongendawo ngobuchi bakhe uthi, Akasayi kubuza. Yonke iminkqangiyelo yakhe ithi, Akukho Thixo.5 Ziqinile iindlela zakhe ngamaxesha onke; Ziphakamile izigwebo zakho, zikude kuye; Bonke ababandezeli bakhe uyabafuthela.6 Uthi entliziyweni yakhe, Andisayi kushukunyiswa; Izizukulwana ngezizukulwana, ndingongayi kuba sebubini.7 Umlomo wakhe uzele kukushwabula nokukhohlisa nokuxinezela. Ngaphantsi kolwimi lwakhe bububi nobutshinga.8 Uhlala emilaleleni yeengqili, Agwinte omsulwa entsithelweni; Amehlo akhe azonda oludwayi.9 Ulalela entsithelweni njengengonyama eludadeni wayo; Ulalela ukuba axwile emke nosizana; Uxwila emke nolusizana, elutsala ngomnatha wakhe.10 Uyabuthuma, uyabunguzela, Bawele ezinzitsheni zakhe abaziindwayi.11 Uthi entliziyweni yakhe, UThixo ulibele, Ubusithelisile ubuso bakhe, akabonanga nento.

12 Khawusuk’ ume, Yehova, phakamisa isandla sakho, Thixo. Musa ukubalibala abalulamileyo.13 Kungenxa yani na ukuba ongendawo amgibe uThixo, Athi entliziyweni yakhe, Akuyi kubuza?14 Ubonile wena; ngokuba uyabubona ububi nenkathazo, ububeke esandleni sakho; Uzinikela kuwe oludwayi; Ungumncedi weenkedama wena.15 Yaphula ingalo yongendawo; Onobubi, mbuze okungendawo kwakhe, kungasali nento.16 UYehova nguKumkani ngonaphakade kanaphakade; Zitshabalele iintlanga, azabakho ehlabathini lakhe.17 Umnqweno wabalulamileyo uwuvile, Yehova; Wazizimasa iintliziyo zabo, wayibaza indlebe yakho,18 Ukuba ugwebe ityala lenkedama noxinzelelweyo, Angabi sabangcangcazelisa umntu wasehlabathini.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile