Lectionary Calendar
Sunday, May 19th, 2024
Pentacost
Attention!
Tired of seeing ads while studying? Now you can enjoy an "Ads Free" version of the site for as little as 10¢ a day and support a great cause!
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 113

1 Haleluya! Dumisani, bakhonzi bakaYehova, Dumisani igama likaYehova.2 Malibongwe igama likaYehova, Kususela ngokunje, kude kuse ephakadeni.3 Kwasekuphumeni kwelanga kuse ekutshoneni kwalo, Malidunyiswe igama likaYehova.4 Uphakamile ngaphezu kweentlanga zonke uYehova, Bungaphezulu kwamazulu ubuqaqawuli bakhe.5 Ngubani na onjengoYehova, uThixo wethu? Ulohlala phezulu;6 Uloqondela phantsi; Ezulwini nasemhlabeni?7 Ulomvusa eluthulini osweleyo, Ulomphakamisa ezaleni olihlwempu,8 Ukuba amhlalise namanene, Amanene abantu bakhe;9 Ulohlalisa endlwini umfazi ongazaliyo, Abe ngunobantwana ovuyayo. Haleluya!

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile