Lectionary Calendar
Saturday, February 14th, 2026
the Fifth Week after Epiphany
There are 50 days til Easter!
Attention!
For 10¢ a day you can enjoy StudyLight.org ads
free while helping to build churches and support pastors in Uganda.
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 113

1 Haleluya! Dumisani, bakhonzi bakaYehova, Dumisani igama likaYehova.2 Malibongwe igama likaYehova, Kususela ngokunje, kude kuse ephakadeni.3 Kwasekuphumeni kwelanga kuse ekutshoneni kwalo, Malidunyiswe igama likaYehova.4 Uphakamile ngaphezu kweentlanga zonke uYehova, Bungaphezulu kwamazulu ubuqaqawuli bakhe.5 Ngubani na onjengoYehova, uThixo wethu? Ulohlala phezulu;6 Uloqondela phantsi; Ezulwini nasemhlabeni?7 Ulomvusa eluthulini osweleyo, Ulomphakamisa ezaleni olihlwempu,8 Ukuba amhlalise namanene, Amanene abantu bakhe;9 Ulohlalisa endlwini umfazi ongazaliyo, Abe ngunobantwana ovuyayo. Haleluya!

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile