Lectionary Calendar
Saturday, February 14th, 2026
the Fifth Week after Epiphany
the Fifth Week after Epiphany
There are 50 days til Easter!
video advertismenet
advertisement
advertisement
advertisement
Attention!
StudyLight.org has pledged to help build churches in Uganda. Help us with that pledge and support pastors in the heart of Africa.
Click here to join the effort!
Click here to join the effort!
Read the Bible
Izhibhalo Ezingcwele
IiNdumiso 122
1 Ingoma yezinyuko. KaDavide. Ndavuya bakuthi kum, Masiye endlwini kaYehova.2 Iinyawo zethu zifike zema Emasangweni akho, Yerusalem;3 Yerusalem, wena wakhiweyo Ngokomzi ohlangeneyo wamnye;4 Apho zinyuka ziye khona izizwe, Izizwe zikaYehova; Ibubungqina ke loo nto kwaSirayeli, Ukuba kubulelwe kwigama likaYehova.5 Kuba khona apho kumiswe iitrone zokugweba, Iitrone zendlu kaDavide.
6 Celelani iYerusalem uxolo; Mababe nokuchulumacha abakuthandayo,7 Malube luxolo eludongeni lwakho olurhaqileyo, Nokuchulumacha ezingxandeni zakho ezinde.8 Ngenxa yabazalwana bam nowethu, Makhe ndithethe uxolo ngawe.9 Ngenxa yendlu kaYehova, uThixo wethu, Ndiya kufuna okukulungeleyo.