Lectionary Calendar
Saturday, February 14th, 2026
the Fifth Week after Epiphany
the Fifth Week after Epiphany
There are 50 days til Easter!
video advertismenet
advertisement
advertisement
advertisement
Attention!
Tired of seeing ads while studying? Now you can enjoy an "Ads Free" version of the site for as little as 10¢ a day and support a great cause!
Click here to learn more!
Click here to learn more!
Read the Bible
Izhibhalo Ezingcwele
IiNdumiso 125
1 Ingoma yezinyuko. Abo bakholosa ngoYehova banjengentaba yaseZiyon: Ayishukumi, ihleli ngonaphakade.2 IYerusalem ijikelezwe ziintaba; Ke uYehova ubajikelezile naye abantu bakhe, Kususela ngoku kude kuse ephakadeni.3 Ngokuba ayiyi kuhlala intonga yokungendawo elifeni lamalungisa, Ukuze amalungisa angazisi ebugqwetheni izandla zawo.
4 Yehova, yenza okulungileyo kwabalungileyo, Kwabathe tye ezintliziyweni zabo.5 Ke bona abathi gu bucala ngeendlela zabo ezimagoso-goso, UYehova makabemkise, kunye nabasebenzi bobutshinga. Malube luxolo kuSirayeli.