Lectionary Calendar
Saturday, May 18th, 2024
Eve of Pentacost
Attention!
We are taking food to Ukrainians still living near the front lines. You can help by getting your church involved.
Click to donate today!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 130

1 Ingoma yezinyuko. Ezinzulwini ndinqula wena, Yehova,2 Nkosi, yiva ilizwi lam. Iindlebe zakho mazilibazele Ilizwi lokutarhuzisa kwam.3 Ukuba uthe wabunqala ubugwenxa, Yehova, Ngubani na ongaba nokuma, Nkosi?4 Ngokuba kunawe ukuxolela, Ukuze woyikwe.

5 Ndithembele kuYehova, uthembile umphefumlo wam; Ndilinde ilizwi lakhe.6 Umphefumlo wam ulindele eNkosini Ngaphezu kwabalinde ukusa, Ewe, abalinde ukusa.7 Lindela kuYehova, Sirayeli, Ngokuba inceba ikuYehova; Ikuye inkululeko eninzi.8 Yena ke wowakhulula amaSirayeli Ebugwenxeni bawo bonke.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile