Lectionary Calendar
Friday, May 2nd, 2025
the Second Week after Easter
Attention!
For 10¢ a day you can enjoy StudyLight.org ads
free while helping to build churches and support pastors in Uganda.
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 16

1 Eyona iligugu likaDavide. Ndigcine, Thixo, ngokuba ndizimela ngawe.2 Ndithe kuYehova, UyiNkosi yam, Andinanto indilungeleyo ngaphezu kwakho.3 Ndithe kwabangcwele abasehlabathini, Bona bazizinhanha apho, kukhona konke endikunanzileyo.4 Ziya kwanda iimbulaleko zabo bamananisa ngathixo wumbi uYehova. Andiyi kuyithulula iminikelo yabo ethululwayo yegazi; Andiyi kuwaphatha amagama abo ngomlomo wam.5 NguYehova isahlulo endasabelwayo, nendebe endayabelwayo; Ulenze banzi ilifa lam.6 Amacandelo andiwele ezindaweni ezimnandi; Hee! Ndide ndaba nelifa elihle.7 Ndiya kumbonga uYehova ondinike icebo; Nasebusuku ziyandithethisa izintso zam.

8 Ndimmisile uYehova phambi kwam amaxesha onke; Ngokuba esekunene kum nje, andiyi kushukunyiswa.9 Ngako oko iyavuya intliziyo yam, luyagcoba uzuko lwam: Nenyama yam iya kuhlala ikholosile.10 Ngokuba akuyi kuwushiya umphefumlo wam kwelabafileyo; Akuyi kumyekela owakho wenceba ukuba abonane nesihogo.11 Uya kundazisa umendo wobomi; Ebusweni bakho yinzaliseko yemivuyo; Ekunene kwakho yimihlali ngonaphakade.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile