Lectionary Calendar
Saturday, May 18th, 2024
Eve of Pentacost
Attention!
Partner with StudyLight.org as God uses us to make a difference for those displaced by Russia's war on Ukraine.
Click to donate today!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 2

1 Yini na ukuba iintlanga zenze imbuthumbuthu, Izizwe zicamange into engeyakonto?2 Ookumkani behlabathi bazimisile, Izidwangube zabhunga NgoYehova nangoMthanjiswa wakhe;3 Besithi, Masiziqhawule iimbophelelo zabo, Sizilahle izintya zabo kuthi.4 Ohleli emazulwini uyahleka, INkosi iyabagculela.5 Iya kwandula ithethe kubo ngomsindo wayo, Ibakhwankqise ngokuvutha kwayo.6 Ithi, Mna ke ndimmisile ukumkani wam Phezu kweZiyon, intaba yam engcwele.

7 Athi yena, Ndiya kuwuvakalisa ummiselo: UYehova uthe kum, UnguNyana wam wena; Mna namhla ndikuzele.8 Cela kum, ndikunike iintlanga zibe lilifa lakho, Iziphelo zehlabathi zibe zezakho.9 Uya kuzivikiva ngentonga yentsimbi, Uzihlekeze, zinge zizitya zodongwe.

10 Ngoko ke, nina bokumkani, qiqani; Bagwebi basehlabathini, yalekani.11 Mkhonzeni uYehova nisoyika, Gcobani nithuthumela.12 Mangeni uNyana, hleze aqumbe, nitshabalale endleleni, Ngokuba ungahle uvuthe umsindo wakhe. Hayi, uyolo lwabo bonke abazimela ngaye!

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile