Lectionary Calendar
Monday, November 3rd, 2025
the Week of Proper 26 / Ordinary 31
Attention!
Take your personal ministry to the Next Level by helping StudyLight build churches and supporting pastors in Uganda.
Click here to join the effort!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 47

1 Kumongameli; eyoonyana bakaKora. Umhobe. Nonke zizwe, bethani izandla, Dumani kuThixo ngezwi lokumemelela.2 Ngokuba uYehova Osenyangweni uyoyikeka; Ngukumkani omkhulu ehlabathini lonke.3 Uzikhandanisela phantsi kwethu izizwe, Izizwe phantsi kweenyawo zethu.4 Usinyulela ilifa lethu, Iqhayiya likaYakobi awamthandayo. (Phakamisani.)

5 UThixo unyukile, kudunywa; Unyukile uYehova, kuhlokoma isigodlo.6 Mbetheleni uhadi uThixo, mbetheleni, Mbetheleni uhadi uKumkani wethu, mbetheleni!7 Ngokuba uKumkani wehlabathi lonke nguThixo; Mbetheleni ngeyokuqiqa.8 UThixo nguKumkani weentlanga; UThixo uhleli etroneni yakhe engcwele.9 Amanene ezizwe ahlanganisene, Abantu boThixo ka-Abraham; Ngokuba iingweletshetshe zehlabathi zezikaThixo; Unyusiwe kakhulu yena.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile