Lectionary Calendar
Saturday, May 18th, 2024
Eve of Pentacost
Attention!
Tired of seeing ads while studying? Now you can enjoy an "Ads Free" version of the site for as little as 10¢ a day and support a great cause!
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 51

1 Kumongameli. Umhobe kaDavide: ekuzeni kukaNatan umprofeti kuye, emveni kokuba ebengene uBhatshebha. Tarhu, Thixo, ngokwenceba yakho! Ngokobuninzi benceba yakho, cima ukreqo lwam!2 Nd’ixovule kunene, busuke ubugwenxa bam, Undihlambulule esonweni sam.3 Ngokuba ndiyalwazi mna ukreqo lwam, Nesono sam siphambi kwam ngamaxesha onke.4 Ndonile kuwe, kuwe wedwa, Ndenza okubi emehlweni akho; Ukuze ube lilungisa ekuthetheni kwakho, Ucace ekugwebeni kwakho.5 Uyabona, ndizalelwe ebugwenxeni, Ndakhawulwa nguma esonweni.6 Uyabona, ufuna inyaniso ezintsweni, Esitheni undazisa ubulumko.

7 Ndihlambulule isono ngehisope, ndihlambuluke; Ndixovule, ndibe mhlophe kunekhephu;8 Ndivise imihlali nemivuyo, Agcobe amathambo owacolileyo.9 Sithelisa ubuso bakho ezonweni zam, Ubucime bonke ubugwenxa bam.10 Dala phakathi kwam, Thixo, intliziyo ehlambulukileyo, Uhlaziye umoya oqinisekileyo phakathi kwam.11 Musa ukundilahla ebusweni bakho, UMoya wakho oyiNgcwele ungamsusi kum.12 Buyisela kum imihlali yosindiso lwakho, Undixhase ngomoya wentumekelelo.13 Ndobafundisa abangendawo iindlela zakho, Babuyele kuwe aboni.

14 Ndihlangule emagazini, Thixo, Thixo ondisindisayo; Lomemelela ngobulungisa bakho ulwimi lwam.15 Nkosi yam, vula imilebe yomlomo wam, Uyixele indumiso yakho umlomo wam.16 Ngokuba akunanze mibingelelo, bendiya kukunika; Akalikholo kuwe amadini anyukayo.17 Imibingelelo kaThixo ngumoya owaphukileyo, Intliziyo eyaphukileyo, etyumkileyo, Thixo, akuyi kuyidela.18 Yenzele okulungileyo iZiyon ngokukholekileyo kuwe; Yakha iindonga zeYerusalem.19 Kuya kwandula ukuba mnandi kuwe imibingelelo yobulungisa, amadini apheleleyo; Ziya kwandula ukunyuswa iinkunzi ezintsha zeenkomo esibingelelweni sakho.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile