Lectionary Calendar
Sunday, May 19th, 2024
Pentacost
Attention!
Tired of seeing ads while studying? Now you can enjoy an "Ads Free" version of the site for as little as 10¢ a day and support a great cause!
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 53

1 Kumongameli: ngeyokhuzo. Eyokuqiqa; ekaDavide. Sithi isidenge entliziyweni yaso, Akukho Thixo. Bonakalisile, balisikizi ngobugqwetha babo; Akukho wenza okulungileyo.2 UThixo esemazulwini uqondele koonyana babantu, Ukubona ukuba ukho na oqiqayo, Ofuna uThixo.3 Bonke babuye umva, bayimbozisa bephelele; Akukho wenza okulungileyo, Akukho nokuba abe mnye.4 Abanakwazi na abasebenzi bobutshinga, Abathi, bebadla abantu bam, bathi badla isonka, Bangamnquli uThixo?5 Apho bankwantya benkwantyile, phofu kungekho nto inkwantyisayo; Ngokuba uThixo wawathi saa amathambo omngqingi wakho; Wabadanisa, ngokuba uThixo ebebacekisile.6 Akwaba bekuvela eZiyon ukusindiswa kwamaSirayeli! Ekubuyiseni kukaThixo abantu bakhe ekuthinjweni, Wogcoba uYakobi, avuye uSirayeli.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile