Lectionary Calendar
Friday, December 19th, 2025
the Third Week of Advent
Attention!
Tired of seeing ads while studying? Now you can enjoy an "Ads Free" version of the site for as little as 10¢ a day and support a great cause!
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 56

1 Kumongameli; ngeyehobe elithe cwaka phakathi kwabakude. EkaDavide. Eliligugu. Ukubanjwa kwakhe ngamaFilisti eGati. Ndibabale, Thixo, ngokuba abantu bendizonda; Bandixinile, besilwa yonke imini;2 Abandilalelayo bandizonda yonke imini, Ngokuba baninzi abalwa nam beziphakamisile.3 Mhlana ndinxunguphalayo mna, Ndokholosa ngawe.4 Ndiya kulidumisa ngoThixo ilizwi lakhe, Ndikholose ngoThixo, ndingoyiki; Inokundenza ntoni na inyama?5 Yonke imini bayawaphambanisa amazwi am; Zingam zonke iingcinga zabo zobubi.6 Baqukene, babonisele, Bona bagcine izithende zam, Ngokokuba belinde umphefumlo wam.7 Bengamatshinga nje, bosinda na? Zihlise ngomsindo izizwe, Thixo.

8 Ukuphalaphala kwam ukubhalile wena; Yitha iinyembezi zam entsubeni yakho; Azisencwadini yakho na?9 Ziya kubuya umva ke iintshaba zam, mhlana ndibizayo; Ndiyakwazi oku, ukuba uThixo unam.10 Ndilidumisa ngoThixo ilizwi, Ndilidumisa ngoYehova ilizwi.11 Ndikholose ngoThixo, ndingoyiki; Unokundenza ntoni na umntu?12 Ziphezu kwam, Thixo, izibhambathiso zakho; Ndiya kuyizalisa kuwe imibingelelo yombulelo.13 Ngokuba uwuhlangule ekufeni umphefumlo wam, Iinyawo zam ekukhubekeni, Ukuba ndihambe phambi koThixo Ekukhanyeni kobomi.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile