Lectionary Calendar
Sunday, May 19th, 2024
Pentacost
Attention!
Tired of seeing ads while studying? Now you can enjoy an "Ads Free" version of the site for as little as 10¢ a day and support a great cause!
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 58

1 Kumongameli; ngethi, Ungonakalisi. EkaDavide. Eliligugu. Yinene na kodwa ukuba nithetha ubulungisa, nina bothixo? Nigweba oonyana babantu ngokuthe tye?2 Hayi, entliziyweni nenza ngobugqwetha; Ezweni nilinganisela ukugonyamela kwezandla zenu.3 Abangendawo baphambukile kwasesizalweni; Bandwendwile kwasesiswini abathethi bamanga.4 Banobuhlungu obunjengobuhlungu benyoka, Njengephimpi elizenza isithulu, elivingca indlebe yalo;5 Ukuze lingaliva izwi labanyangi, Lababopha ngomabophe, beziingcibi.

6 Thixo, yaphula amazinyo abo emlonyeni wabo; Amabamba eengonyama ezintsha wavithe, Yehova.7 Mabaphalale njengamanzi equkuqela; Akuxuna iintolo zakhe, mazinge zicutshiwe.8 Mababe njengenkumba ehamba inyibilika, Njengemva-mbilini yomfazi, engalibonanga ilanga.9 Zingekaziva iintsasa iimbiza zenu, Nokuba ikrwada inyama, nokuba iza kuvuthwa, uyayiqweqwedisa.10 Liya kuvuya ilungisa, lakuyibona impindezelo; Liya kuzihlamba iinyawo zalo egazini longendawo,11 Athi umntu, Inene, ilungisa linesiqhamo; Inene, ukho uThixo ogwebayo ehlabathini.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile