Lectionary Calendar
Saturday, February 14th, 2026
the Fifth Week after Epiphany
There are 50 days til Easter!
Attention!
Take your personal ministry to the Next Level by helping StudyLight build churches and supporting pastors in Uganda.
Click here to join the effort!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 8

1 Kumongameli: ngolwaseGati. Umhobe kaDavide. Yehova, Nkosi yethu, Hayi, ubungangamsha begama lakho ehlabathini lonke! Wena uwambathise amazulu ngendili yakho.2 Emlonyeni wabantwana nabanyayo useke amandla, Ngenxa yababandezeli bakho, Ukuze udambise utshaba nophindezelayo.

3 Xa ndilikhangelayo izulu lakho, umsebenzi weminwe yakho, Inyanga neenkwenkwezi ozimisileyo:4 Uyintoni na umntu lo, le nto umkhumbulelayo? Unyana womntu, le nto umvelelayo?5 Umsilelise kancinane ebuThixweni, Wamthi jize ngobuqaqawuli nangobungangamela.6 Umphathise ubukhosi phezu kwemisebenzi yezandla zakho, Zonke izinto uzibeke phantsi kweenyawo zakhe:7 Impahla emfutshane, neenkomo zonke ziphelele, Kwaneenyamakazi zonke;8 Iintaka zezulu, neentlanzi zolwandle, Into ehamba ngeendlela zolwandle.9 Yehova, Nkosi yethu, Hayi, ubungangamsha begama lakho ehlabathini lonke!

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile