Lectionary Calendar
Wednesday, June 18th, 2025
the Week of Proper 6 / Ordinary 11
Attention!
StudyLight.org has pledged to help build churches in Uganda. Help us with that pledge and support pastors in the heart of Africa.
Click here to join the effort!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 95

1 Yizani simemelele kuYehova, Sidume kwiliwa lokusindiswa kwethu.2 Masize phambi kobuso bakhe sinombulelo, Masidume kuye ngeengoma.3 Ngokuba uThixo omkhulu nguYehova, NguKumkani omkhulu ngaphezu koothixo bonke.4 Uzisesandleni sakhe iingontsingontsi zehlabathi, Neencopho zeentaba zezakhe.5 Ulolwakhe ulwandle, nguyena walwenzayo; Nomhlaba owomileyo zawubumba izandla zakhe.6 Yizani, masiqubude, siguqe, Sithobe phambi koYehova umenzi wethu.

7 Ngokuba nguThixo wethu yena, Thina ke singabantu bokwaluswa nguye, nezimvu zesandla sakhe. Namhla, ukuba ninokuliva izwi lakhe,8 Musani ukuyenza lukhuni intliziyo yenu, njengaseMeribha, Njengemini yaseMasa entlango;9 Oko bandilingayo ooyihlo. Bandicikida, bewubona umsebenzi wam.10 Iminyaka yaba ngamashumi amane ndikruqukile sesi sizukulwana, Ndathi, Ngabantu abantliziyo zindwendwayo, Abazazi iindlela zam bona;11 Endada ndafunga ndinomsindo, ukuthi, Inene, abasayi kungena ekuphumleni kwam.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile