Lectionary Calendar
Wednesday, June 18th, 2025
the Week of Proper 6 / Ordinary 11
Attention!
For 10¢ a day you can enjoy StudyLight.org ads
free while helping to build churches and support pastors in Uganda.
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 97

1 UYehova ngukumkani; liyagcoba ihlabathi, Ziyavuya iziqithi ezininzi.2 Ngamafu nesithokothoko ngeenxa zonke kuye, Bubulungisa nokusesikweni ummiso wetrone yakhe.3 Kuhamba umlilo phambi kwakhe; Ulenya ababandezeli bakhe ngeenxa zonke.4 Ikhanyisa elimiweyo imibane yakhe; Uyabona umhlaba, uzibhija-bhije.5 Iintaba zinyibilika njengomthwebeba phambi koYehova, Phambi kweNkosi yehlabathi lonke.6 Izulu lixela ubulungisa bakhe, Zilubone uzuko lwakhe zonke izizwe.7 Badanile bonke abakhonza umfanekiso oqingqiweyo, Abaqhayisa ngeento ezingento; Bayamnqula bonke oothixo.

8 Iyeva, iyavuya iZiyon, Ziyagcoba iintombi zakwaYuda, Ngenxa yemigwebo yakho, Yehova.9 Ngokuba nguwe, Yehova, Osenyangweni phezu kwehlabathi lonke; Unyukile kunene ngaphezu koothixo bonke.10 Bathandi bakaYehova, kuthiyeni okubi. Umgcini wemiphefumlo yabenceba bakhe Uya kubahlangula esandleni sabangendawo.11 Ukukhanya likuhlwayelelwe ilungisa, Novuyo baluhlwayelelwe abantliziyo zithe tye.12 Vuyani ngoYehova, malungisa, Nibulele isikhumbuzo sakhe esingcwele.

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile