Lectionary Calendar
Sunday, May 19th, 2024
Pentacost
Attention!
We are taking food to Ukrainians still living near the front lines. You can help by getting your church involved.
Click to donate today!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 148

1 Haleluya! Dumisani uYehova emazulwini; Mdumiseni ezindaweni eziphezulu.2 Mdumiseni, nonke zithunywa zakhe; Mdumiseni, nonke mikhosi yakhe;3 Mdumiseni, wena langa, nawe nyanga; Mdumiseni, nonke zinkwenkwezi zinokukhanya;4 Mdumiseni, mazulu awo amazulu, Nani, manzi angaphezu kwezulu.5 Mazilidumise ezo nto igama likaYehova; Ngokuba wawisa umthetho, zadalwa.6 Wazimisa ngonaphakade kanaphakade, Wazimisela ummiselo ezingayi kuwugqitha.

7 Dumisani uYehova ehlabathini, Nina bominenga, nani nonke, manzi enzonzobila:8 Wena mlilo, nawe sichotho; wena khephu, nawe msi; Moya uvuthuzayo, ulenzayo ilizwi lakhe;9 Nina zintaba, nani zinduli nonke, Nina mithi eneziqhamo, nani misedare nonke;10 Nina marhamncwa, nani zinkomo nonke, Nina zinambuzane, nani zintaka zinamaphiko;11 Ookumkani behlabathi, nezizwe zonke, Abathetheli nabagwebi behlabathi lonke;12 Umlisela kwanomthinjana, Amadoda amakhulu kunye nabafana:13 Mabalidumise igama likaYehova, Ngokuba liyingxonde igama lakhe yena yedwa; Indili yakhe ingaphezu komhlaba nezulu.14 Wabaphakamisela abantu bakhe uphondo, Lwayindumiso kwabakhe benceba bonke, Koonyana bakaSirayeli, abantu abasondeleyo kuye. Haleluya!

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile