Lectionary Calendar
Tuesday, July 8th, 2025
the Week of Proper 9 / Ordinary 14
Attention!
Tired of seeing ads while studying? Now you can enjoy an "Ads Free" version of the site for as little as 10¢ a day and support a great cause!
Click here to learn more!

Read the Bible

Izhibhalo Ezingcwele

IiNdumiso 149

1 Haleluya! Mvumeleni uYehova ingoma entsha, Indumiso yakhe ebandleni labenceba.2 USirayeli makavuye ngoMenzi wakhe; Usapho lwaseZiyon malugcobe ngoKumkani walo.3 Mabalidumise igama lakhe beqamba, Bembethela ingqongqo nohadi.4 Ngokuba uYehova uyakholiswa ngabantu bakhe, Uyabahombisa abalulamileyo ngoloyiso.5 Mabadlamke benozuko abenceba, Mabamemelele besezililini zabo.

6 Yimibongo kaThixo emqaleni wabo, Likrele elintlangothi mbini esandleni sabo;7 Ukuze benze impindezelo ezintlangeni, Izohlwayo ezizweni;8 Bakhonkxe ookumkani bazo ngemixokelelwane, Nabazukileyo kuzo ngamakhamandela esinyithi;9 Benze kubo isiko elibhaliweyo. Luzuko olo lwabakhe benceba bonke. Haleluya!

 
adsfree-icon
Ads FreeProfile